Inxalenye ye De Vries Street, phakathi kweBantom Street kunye neMeyer Street , iza kuvalwa okwethutyana ukususela 09:00 ngoLwesine, umhla we-19 kweyeNkanga 2026 ngexesha lokuvulwa kweBhunga elitsha.
Indlela iza kuvulwa kwakhona xa umsitho uphelile.
Amalungu oluntu kunye nabaqhubi beenqwelo-mafutha bayacelwa ukuba basebenzise ezinye iindlela ngeli xesha ukuze baphephe ukulibaziseka.
Siyaxolisa ngayo nayiphi na ingxaki kwaye sibulela uluntu ngokuqonda, umonde kunye nentsebenziswano yabo.
Ikhutshwe nguFrans Sabbat, uMphathi weMasipala oBambeleyo.